{"id":4941,"date":"2024-10-21T23:36:20","date_gmt":"2024-10-21T21:36:20","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=4941"},"modified":"2026-01-27T13:32:17","modified_gmt":"2026-01-27T11:32:17","slug":"imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/","title":{"rendered":"Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names"},"content":{"rendered":"\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Imvelaphi yamaMpondo<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>AmaMpondo<\/strong> nawo a<strong>sisizwe<\/strong> esizimeleyo ngokobuzwe. Awasosizwe esiphantsi kwesinye ngolawulo. Sisizwe <strong>esinobukumkani<\/strong> baso kunye nengingqi apho obo bukumkani bulawula khona.\n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Uninzi lwabantu, nkqu amamMpondo, luthanda ukwayamanisa amaMpondo namaXhosa, ngelithi amaMpondo asisizwana esiphantsi kwamaXhosa. Bambi bade bathi amaMpondo alisebe lamaXhosa. Nababhali beencwadi, kunye nabaphandi, banayo indawo yokuthi xa bethetha ngamaXhosa, okanye bephanda ngeemeko zamaXhosa, baqukanise namaMpondo kunye nezinye izizwe ezihlala apha eMpuma Kapa ngelithi zingamaXhosa. \n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  AmaMpondo awangomaXhosa, awayonxalenye yamaXhosa, zange abe ng<strong>amaXhosa<\/strong>, awasosizwana esiphantsi kwamaXhosa, kwaye awalawulwa ngamaXhosa ngokobukhosi.\n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Into edibanisa amaMpondo namaXhosa yingingqi ezifumaneka kuyo ezi zizwe zimbini, kwangokufanayo nezizwe ezinje ngamaMpondomisa, amaBhaca, amaHlubi, amaXesibe, abaThembu kunye namaBomvana. Isizwe ngasinye kwezi zizwe sisisizwe esizimeleyo, ntonje zonke zinemimandla yazo apha <strong>eMpuma Kapa<\/strong>. Loo nto ayithethi ukuba amaMpondo awanabuhlobo nezi zizwe xa zizonke, okanye ezi zizwe azinabuhlobo namaMpondo. Ntonje apha sithetha umcimbi wobuzwe, hayi indlela ezihlalisana ngayo ezi zizwe.\n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Njengazo zonke izizwe zase<strong>Mzantsi Afrika<\/strong>, nawo amaMpondo ingcambu yawo ayikhomba ku<strong>Mntla<\/strong>&#8211;<strong>Mpuma<\/strong> welizwekazi i-Afrika. Nawo <strong>umnombo<\/strong> wawo awuqalisa kulowo ukhumbuleka kwabo bathe bakwazi ukuwubhala phantsi. Ngapha koko imbali yo<strong>mlibo<\/strong> wamaMpondo ayehlukanga kuleyo yezinye izizwe eziNtsundu zalapha eMzantsi Afrika. Nayo yayisakuba yimbali yokubaliswa ngomlomo ukusuka kwizizukulwana zangaphambili ukuya kwezilandelayo. Loo meko ichatshazelwa kukukhumbula, ukulibala kunye nokuphixanisa ulwazi kwakunye neziganeko. Loo ntwanana ibhaliweyo efumanekayo iqikelela ukuba amaMpondo afike apha eMzantsi kwinkulungwane yeshumi elinesithathu. Kuqikelelwa phaya kumnyaka wee1225.\n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Nawo amaMpondo abalelwa kwezi zizwe kuthiwa zizizwe zaseMbo. Nawo angene eMzantsi Afrika ngeentaba zeLibombo.\n<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Iinkumkani zamaMpondo<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>AmaMpondo<\/strong>, ama<strong>Mpondomise<\/strong> kunye nama<strong>Xesibe<\/strong> alanda umlibo wabo kukumkani omnye ukuya kutsho kuyise wezi zizwe zontathu. Okanye singathi kwaba bantu bathathu, kuba la magama ngamagama abantu ze mva umntu ngamnye kubo wamisela isizwe esibizwe ngegama lakhe. \n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Singayisungula ngolu hlobo ingcambu yazo:\n<\/p>\n\n\n\n<figure class=\"wp-block-image size-full\"><img data-recalc-dims=\"1\" loading=\"lazy\" decoding=\"async\" width=\"718\" height=\"1444\" src=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg?resize=718%2C1444&#038;ssl=1\" alt=\"\" class=\"wp-image-5532\" srcset=\"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg?w=718&amp;ssl=1 718w, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg?resize=149%2C300&amp;ssl=1 149w, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg?resize=509%2C1024&amp;ssl=1 509w\" sizes=\"auto, (max-width: 718px) 100vw, 718px\" \/><\/figure>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Imbali malunga namaMpondo kunye namaMpondomise yeyokuba uMpondo noMpondomise yayingoonyana bakaNjanya kaSibiside. Babengamawele, ivelatanci inguMpondomise. Imfusi yawo yayinguXesibe. \n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Sikhumbule ukuba kuvamile ukubakho kwempikiswano malunga nevelatanci xa kuphethwe umcimbi wamawele. Abalandela elithile iwele bathi lilo elidala. Kungoko kule meko yamaMpondo abanye bathi yayinguMpondo ivelatanci.\n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Nikhumbule kwakhona ukuba kudla ngokubakho impikiswano yokuba elo liqale lavela iwele lelona lincinci kunelinye. Kungoko kwezinye izizwe kwabakho umthetho wokuba lisikwe ingqithi elithe laqala lavelisa isandla iwele. Oko yayikukuphawula ukuba leliphi eliqale lavela. Kwakukho inkolelo yokuba elivele tance livelisa nje isandla libuye lityhalelwe emva leli lamva, ze ibelilo eliqala libelekwe. Le ngcinga isenokuba izalwa lelaa bali le \u201cItyala lamawele\u201d umbhali walo onguS.E.K. Mqhayi.\n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Kule ndima kaMpondo noMpondomise kuvakala ukuba kwavuka impi phakathi kwala mawele kunye nabalandeli bawo. Kuthiwa le mpi yadalwa yinto yokuba uMpondo nabazingeli ababekunye naye babulala ingonyama waza wala ukunika uMpondomise ufele lwayo ngokomthetho wesiko lamaMpondo nelobukhosi jikelele. Loo mpi yakhokelela ekoyisweni kukaMpondomise ze waya kuzimela kowakhe umhlaba. Ingxelo ithi imikhosi kaMpondo yayimane izingela ekaMpondomise. Kuthiwa indawo yokugqibela ababadudula kuyo yile kuthiwa kuseMpindweni. Loo nto ke yenza ukuba umda wamaMpondo uyokuma ngelali yaseMpindweni, kwisithili saseLIbode.\n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Omnye umba ngulo wobukho bamaMpondo ase<strong>Qaukeni<\/strong> nawase<strong>Nyandeni<\/strong>. Nayo inendawo yokubangwa kobukhulu nobunci phakathi koonyana bakaFaku, uNdamase noMqikela. Ikomkhulu lamaMpondo belifudula liseQaukeni phantsi kukaFaku, owayengukumkani wokugqibela wamaMpondo ngaphambi kokuba ohlukane kubini. Singayanga kude nje singathi ubukho bala makokmkhulu mabini kwenzeke esaphila uFaku, kwaye kwenzeka ngemvume nentsikelelo yakhe. \n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Kwaba kukusekeka kobukumkani obubini bamaMpondo, awaseQaukeni, okomkhulu lawo luse<strong>Siphaqeni<\/strong> nawaseNyandeni, okomkhulu lawo lise<strong>Libode<\/strong>. AwaseQaukeni abaphantsi kukaMqikela, ze awaseNyandeni aphantsi kukaNdamase.\n<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">\n  Busahlulwe njalo de kube namhlanje ubukumkani bamaMpondo.\n<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Umhlaba wamaMpondo<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Indawo yamaMpondo kuthiwa kusema<strong>Mpondweni<\/strong>. Ngaphambi kokuba sithethe ngale ndawo kuthiwa kus<strong>emaMpondweni<\/strong>, masiyigxininise indawo yokuba amaMpondo akho kuwo onke <strong>amaphondo<\/strong> ase<strong>Mzantsi<\/strong> <strong>Afrika<\/strong>. Noko kunjalo ikhona indawo ekuthiwa yeyamaMpondo kwalapha eMzantsi Afrika.<br><br>Le ndawo ilapha kwiphondo leMpuma Kapa. AmaMpondo afumaneka kwezi ziphaluka zilandelayo: <strong>Mbizana, Siphaqeni, Lusikisiki, Sajonisi, Ntabankulu, Libode naseNgqeleni<\/strong>. Xa sithetha ngeziphaluka sithetha ngokuba le dolophu ibiziweyo, <strong>umzekelo<\/strong> iSajonisi, ineelali ezinizi eziphantsi kwaloo dolophu. Asizukuzidwelisa ezo lali. Makwanele ukuchaza ukuba zikhona kwaye zininzi iilali kuba ukuba singazama ukuzidwelisa kungangathi siyakhetha xa kunokubakho esizishiyayo ngakumbi ngoku sezandayo, kukho nezo zinamagama amatsha ezazifudula zingekho.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Imvelaphi yamaMpondo AmaMpondo nawo asisizwe esizimeleyo ngokobuzwe. Awasosizwe esiphantsi kwesinye ngolawulo. Sisizwe esinobukumkani baso kunye nengingqi apho obo bukumkani bulawula khona. Uninzi lwabantu, nkqu amamMpondo, luthanda ukwayamanisa amaMpondo namaXhosa, ngelithi amaMpondo asisizwana esiphantsi kwamaXhosa. Bambi bade bathi amaMpondo alisebe lamaXhosa. Nababhali beencwadi, kunye nabaphandi, banayo indawo yokuthi xa bethetha ngamaXhosa, okanye bephanda ngeemeko zamaXhosa, baqukanise &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/#more-4941\" aria-label=\"Read more about Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":139,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[1],"tags":[2866,2895,1871,2820,1707,2676,2894,2893,2697,2899,2901,2900,2816,2892,2898,2708,2897,2905,2865,1468,2904,2502,2896,2903,2795,2902,2891],"class_list":["post-4941","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-imbali-iziduko","tag-amampondo","tag-amampondomise","tag-amaxesibe","tag-amaxhosa","tag-faku","tag-iikumkani","tag-imilibo","tag-iminombo","tag-izizwe","tag-libode","tag-lusikisiki","tag-mbizana","tag-mntla-mpuma","tag-mpuma-kapa","tag-mqikela","tag-mzantsi-afrika","tag-ndamase","tag-ngqeleni","tag-njanya","tag-nkosi","tag-ntabankulu","tag-nyandeni","tag-qaukeni","tag-sajonisi","tag-sibiside","tag-siphaqeni","tag-ubukumkani"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.6 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Imvelaphi yamaMpondo AmaMpondo nawo asisizwe esizimeleyo ngokobuzwe. Awasosizwe esiphantsi kwesinye ngolawulo. Sisizwe esinobukumkani baso kunye nengingqi apho obo bukumkani bulawula khona. Uninzi lwabantu, nkqu amamMpondo, luthanda ukwayamanisa amaMpondo namaXhosa, ngelithi amaMpondo asisizwana esiphantsi kwamaXhosa. Bambi bade bathi amaMpondo alisebe lamaXhosa. Nababhali beencwadi, kunye nabaphandi, banayo indawo yokuthi xa bethetha ngamaXhosa, okanye bephanda ngeemeko zamaXhosa, baqukanise ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2024-10-21T21:36:20+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2026-01-27T11:32:17+00:00\" \/>\n<meta property=\"og:image\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"iAfrika\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"iAfrika\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"3 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"iAfrika\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb\"},\"headline\":\"Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names\",\"datePublished\":\"2024-10-21T21:36:20+00:00\",\"dateModified\":\"2026-01-27T11:32:17+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/\"},\"wordCount\":621,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/#primaryimage\"},\"thumbnailUrl\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/10\\\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg\",\"keywords\":[\"AmaMpondo\",\"AmaMpondomise\",\"AmaXesibe\",\"AmaXhosa\",\"Faku\",\"Iikumkani\",\"Imilibo\",\"Iminombo\",\"Izizwe\",\"Libode\",\"Lusikisiki\",\"Mbizana\",\"Mntla-Mpuma\",\"Mpuma Kapa\",\"Mqikela\",\"Mzantsi Afrika\",\"Ndamase\",\"Ngqeleni\",\"Njanya\",\"Nkosi\",\"Ntabankulu\",\"Nyandeni\",\"Qaukeni\",\"Sajonisi\",\"Sibiside\",\"Siphaqeni\",\"Ubukumkani\"],\"articleSection\":[\"Imbali neziduko\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/\",\"name\":\"Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"primaryImageOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/#primaryimage\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/#primaryimage\"},\"thumbnailUrl\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/10\\\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg\",\"datePublished\":\"2024-10-21T21:36:20+00:00\",\"dateModified\":\"2026-01-27T11:32:17+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/\"]}]},{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/#primaryimage\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/10\\\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg?fit=718%2C1444&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2024\\\/10\\\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg?fit=718%2C1444&ssl=1\",\"width\":718,\"height\":1444},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb\",\"name\":\"iAfrika\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"iAfrika\"},\"description\":\"Amaphupho, Amasiko, Izithakazelo, Umlando ngesiZulu. Amaphupha ngesiXhosa: https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/iafrika\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Imvelaphi yamaMpondo AmaMpondo nawo asisizwe esizimeleyo ngokobuzwe. Awasosizwe esiphantsi kwesinye ngolawulo. Sisizwe esinobukumkani baso kunye nengingqi apho obo bukumkani bulawula khona. Uninzi lwabantu, nkqu amamMpondo, luthanda ukwayamanisa amaMpondo namaXhosa, ngelithi amaMpondo asisizwana esiphantsi kwamaXhosa. Bambi bade bathi amaMpondo alisebe lamaXhosa. Nababhali beencwadi, kunye nabaphandi, banayo indawo yokuthi xa bethetha ngamaXhosa, okanye bephanda ngeemeko zamaXhosa, baqukanise ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2024-10-21T21:36:20+00:00","article_modified_time":"2026-01-27T11:32:17+00:00","og_image":[{"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg","type":"","width":"","height":""}],"author":"iAfrika","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"iAfrika","Est. reading time":"3 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/"},"author":{"name":"iAfrika","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb"},"headline":"Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names","datePublished":"2024-10-21T21:36:20+00:00","dateModified":"2026-01-27T11:32:17+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/"},"wordCount":621,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/#primaryimage"},"thumbnailUrl":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg","keywords":["AmaMpondo","AmaMpondomise","AmaXesibe","AmaXhosa","Faku","Iikumkani","Imilibo","Iminombo","Izizwe","Libode","Lusikisiki","Mbizana","Mntla-Mpuma","Mpuma Kapa","Mqikela","Mzantsi Afrika","Ndamase","Ngqeleni","Njanya","Nkosi","Ntabankulu","Nyandeni","Qaukeni","Sajonisi","Sibiside","Siphaqeni","Ubukumkani"],"articleSection":["Imbali neziduko"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/","name":"Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"primaryImageOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/#primaryimage"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/#primaryimage"},"thumbnailUrl":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg","datePublished":"2024-10-21T21:36:20+00:00","dateModified":"2026-01-27T11:32:17+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/"]}]},{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/#primaryimage","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg?fit=718%2C1444&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iinkumkani-zamaMpondo.jpg?fit=718%2C1444&ssl=1","width":718,"height":1444},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-mpondo-clan-names\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb","name":"iAfrika","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","caption":"iAfrika"},"description":"Amaphupho, Amasiko, Izithakazelo, Umlando ngesiZulu. Amaphupha ngesiXhosa: https:\/\/iafrika.org\/xh","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/iafrika\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":4947,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-sama-xesibe-clan-names\/","url_meta":{"origin":4941,"position":0},"title":"Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names","author":"iAfrika","date":"25\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yamaXesibe AmaXesibe asisizwe esizimeleyo esinobukumkani baso. AmaXesibe awakho phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lobukhosi. Njengazo naziphi na izizwe eziNtsundu ezakhe eMpuma Kapa, nawo amaXesibe athathwe ngokuba angamaXhosa okanye aluhlanga oluthile oluphantsi kwesizwe samaXhosa. Kwakhona, kuba ephila exubene namaBhaca kwiindawo eziliqela, akwathathwa ngokuba angamaBhaca. Namanye amaXesibe angenalwazi lobuzwe bawo azicingela ukuba\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?resize=350%2C200&ssl=1","width":350,"height":200,"srcset":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?resize=350%2C200&ssl=1 1x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?resize=525%2C300&ssl=1 1.5x, https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Umnombo-weXesibe-2-1.png?resize=700%2C400&ssl=1 2x"},"classes":[]},{"id":5284,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ulwimi-lwesi-mpondo\/","url_meta":{"origin":4941,"position":1},"title":"Ulwimi lwesi Mpondo","author":"silucoki","date":"21\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengesizwe esizimeleyo, amaMpondo anolwimi lwawo, isiMpondo okanye isiMpondro. Naso isiMpondo sachatshazelwa kukujongelwa phantsi ngamakoloniyale kwakunye norhulumente wocalucalulo, i-apartheid, ngokuthi siqhushekwe phantsi kolwimi lesiXhosa. Asizange sijongelwe phantsi kuphela, koko kwakuqinisekiswa ukuba siyabhangiswa njengolwimi olukhoyo phakathi kweelwimi zaseMzantsi Afrika. Ulwimi lwesiMpondo lubalelwa phantsi kolwimi ekuthiwa kukuTekela. Oku kuquka ulwimi olusetyenzisa ngamaHlubi, amaNdebele,\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":4929,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-saba-thembu-clan-names\/","url_meta":{"origin":4941,"position":2},"title":"Imbali yesizwe saba Thembu Clan Names","author":"iAfrika","date":"26\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yabaThembu Masiqale ngelithi abaThembu asisizwe esizimeleyo nesingabusi phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lwemveli. Oko kukuthi sinobukumkani baso. Imbali yemvelaphi yabaThembu ayahlukanga kuleyo yezinye izizwe eziNtsudu zalapha eMzantsi Afrika. Nayo le mbali igujululwa ekubeni abaThembu athi gqi eMntla-Mpuma wezwekazi i-Afrika. Nakubeni kunjalo kukho abanye ababalisi abade bachaze ncakasa namagama eendawo aphuma\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4929-1.png?resize=350%2C200","width":350,"height":200},"classes":[]},{"id":5278,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/uhlu-lweziduko-zama-mpondo-clan-names\/","url_meta":{"origin":4941,"position":3},"title":"Uhlu lweziduko zama Mpondo Clan Names","author":"silucoki","date":"21\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Apha kweli khasi kudweliswe nje iziduko zamaMpodo zodwa. Azithuthanga ezo ziduko. Kule ndima kukukhankanya nje ezo ziduko kufikelelwe kuzo. Kodwa umlesi uyakubona ukuba kwakolu luhlu iziduko zamaMpondo zinguMbo nomXesibe, ngoko ke zisenokuba aziphelelanga. Okanye makube ezo zingakhankanywanga zibandakanyeka kwezo ziduko zichaziweyo. Ukuthutha iziduko zamaMpondo kufumaneka kwiqonga lokukhangela elithi www.iafrika.org\/xh.\u00a0 Kwakhona\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5145,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imimandla-yama-bomvana\/","url_meta":{"origin":4941,"position":4},"title":"Imbali yesizwe sama Bomvana Clan Names","author":"silucoki","date":"08\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yamaBomvana Amabomvana asisizwe esinobukumkani baso obungaxhomekekanga, nobungekho phantsi, kolawulo lwesinye isizwe. Asisizwe esizimeleyo. Nawo amaBomvana agutyungelwe yile ngxaki yokuba kuthiwe angamaXhosa. Iphinde ke kuwo yongezelwe yingcinga yokuba angabaThembu. Awasiso nasinye kwezi zizwe zozibini, nokuba sesiphi na esinye. AmaBomvana ngamaBomvana \u2013 iphelele apho. Umnombo wamaBomvana awahlukanga kulowo wezinye izizwe eziNtsundu,\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/10\/Iikumkani-zamaBomvana.png?resize=350%2C200&ssl=1","width":350,"height":200},"classes":[]},{"id":5419,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/ulwimi-lwesi-mpondomise\/","url_meta":{"origin":4941,"position":5},"title":"Ulwimi lwesi Mpondomise","author":"silucoki","date":"29\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Kunzima ukufumana ulwimi lwesiMpondomise nakubeni imibhalo efumaneka kumaqonga okukhangela e-elektroni kuyachazwa ukuba amaMpondomise ayatekela xa ethetha. kodwa xa uzingela akukho mizekelo yamagama esiMpondomise afumanekayo. Sikho sona isikhalo sokuba amaMpodomise anunuswa ngolwimi lwesiXhosa ukuze kufundwe lona ezikolweni nokuba ibe lulo oluthethwayo nakumanye amaziko olawulo. Noxa kunjalo, amaMpondomise awangomkanja. Zonke izizwe zephondo\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-1hH","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/4941","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/139"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=4941"}],"version-history":[{"count":6,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/4941\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5535,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/4941\/revisions\/5535"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=4941"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=4941"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=4941"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}