{"id":2817,"date":"2024-07-29T06:07:00","date_gmt":"2024-07-29T04:07:00","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=2817"},"modified":"2024-06-11T14:39:48","modified_gmt":"2024-06-11T12:39:48","slug":"izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/","title":{"rendered":"Izaci ngokuziphatha nokuhlonipha"},"content":{"rendered":"\n<ul class=\"wp-block-list\">\n<li><strong>Uzelwe enamazinyo: <\/strong>Umntu othi eselula abe esazi kwaye esenza izinto ekulindeleke ukuba zenziwa ngabantu abadala.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuhleka isiqhazolo: <\/strong>Yintetho ephoxayo ebhekiswa kumntu ohleka into abayibona ingahlekisi abanye abantu.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Uncumo olugoso: <\/strong>Kutshiwo xa kuphoxwa umntu oncumela into angamelwanga kuyincumela.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukosul\u2019 ukubila: <\/strong>Ukumangaliswa. <strong>Umzekelo<\/strong>: Hayi undosul\u2019 ukubila, bendingazi ukuba ningamawele, nto nje bendisoloko ndinincoma ukufana.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ixhomis\u2019 amehlo: <\/strong>Into eyothusayo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ishiy\u2019 amehlo: <\/strong>Into eyenzeka ngokukhawuleza, emangalisayo ibe ingeyonto yamkelekileyo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuxhomis\u2019 amehlo: <\/strong>Ukothusa.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukufinga iintshiya: <\/strong>Ukuba nolunya. Ukubonakalisa ukungayamnkeli into oxelelwa yona ube ungenako ukuthi awuyamnkeli. <strong>Umzekelo<\/strong>: Kutheni wafing\u2019 iintshiya ndithetha nawe, uyadelela, hi?\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Uluncu olumashiyi: <\/strong>Utshaba oluzibonakalisa ngathi lungumhlobo wakho kanti lujonge ukukwenzakalisa.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukucel\u2019 injezu: <\/strong>Ukuzigqatsa ufune abantu bajonge kuwe.\u00a0\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuba nesigqezu:<\/strong> Ukuzigqatsa entweni ngokungathi nguwe wedwa oyaziyo nokwazi ukuyenza de ufune ukujongela phantsi abo bangathi abayazi.<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukukhala esimantshiyane: <\/strong>Ukuyaleka ekwenzeni into ezakusuka ikujikele ibeneziphumo ezibi. <strong>Umzekelo<\/strong>: Uyakuze akhale esimantshiyane uCwethe njengoba ethethelela umntwana akugqib\u2019 ukwenza izinto ezimanyumnyezi abantu bejongile.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukutsho esofelweyo: <\/strong>Ukukhala kakhulu nalusizi.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuba likhalane: <\/strong>Ukuba nomkhwa wokufuna usoloko uzuza komny\u2019 umntu ube ungenanto ukhe umncede ngayo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukufaka impumlo: <\/strong>Ukungena kwinto engakufuniyo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukufinga impumlo: <\/strong>Ukubonakalisa ukucekisa into.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuqhosha impumlo: <\/strong>Ukubonakalisa ukucekisa into.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukutsala ngempumlo: <\/strong>Ukwenza omnye umntu enze into efunwa nguwe nokuba akayithandi.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuthi nqo ngempumlo: <\/strong>Ukwenza omnye umntu enze into efunwa nguwe nokuba akayithandi.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Itsha-ntliziyo: <\/strong>Umntu olikhalipha, oyimelayo into akholelwa yiyo nokuba sekukho imbonakalo yokuchaswa okude kuse ekonzakalisweni.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuyingena ngesihlwitha: <\/strong>Ukungena into ngokungxama kwaye ungamenywanga nakuyo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Iliso lisela: <\/strong>Iliso linomkhwa wokufuna ukubona le nto kungamelekanga liyijongile ngokuyithi krwaqu, liyibe.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Indlala inamanyala: <\/strong>Umntu olambayo ude enze izinto abengenakuzenza xa ebengalambi.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuba luhlaza: <\/strong>Ukuba krwada, kuqaqadeka.<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukutya amaqhosh\u2019 ebhatyi: <\/strong>Ukusebenzisa imali yakho ngolu hlobo ufuna ngalo, nokuba alwamkelekanga ekuhlaleni.\u00a0\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuphakanyelwa sisiciko: <\/strong>Ukuvukwa ngumsindo, maxa wambi kungekho sizathu soko. <strong>Umzekelo<\/strong>: Ndithe ndimbuza ngomntwan\u2019 akhe uNazo wasuka waphakanyelwa sisiciko endingxolisa, ebuz\u2019 ukuba ndingenaphi kwizinto zomzi wakhe.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukutshicela eselweni: <\/strong>Ukukhalala.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukudovuda indima: <\/strong>Ukona into entle esele yenziwe.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuba ngundilele: <\/strong>Ukungafuni kuzibandakanya nakuyiphi na into.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Umpha ochutywe walahlwa: <\/strong>\u00a0Umntu ongungantweni.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Umpha wezala: <\/strong>Umntu ongungantweni.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuba yimbulu: <\/strong>Umntu othanda ukulinganisa abanye abantu, Umntu othanda izinto ezintle, ngakumbi impahla entsha, ayisebenzise kwangelo xesha agqiba kuyifumana ngalo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuyibamba ngomsila: <\/strong>Ukunamathela entweni ungayiyeki.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuba ngumsila: <\/strong>Ukusoloko ulandela omnye umntu nokuba uyaphi.<strong>\u00a0<\/strong><\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuba nomsila: <\/strong>Le ntetho ibhekiswa kumntu onomkhwa wokungavali ucango xa ephuma okanye engena, ngakumbi xa kubanda kufanelwe ukuba kuvalwe emnyango, kuthiwe unomsila.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Okwekati etshe icala: <\/strong>Ukuzibona ungcono ibe imeko yakho ingakungqini oko. <strong>Umzekelo<\/strong>: Hayi ke khona uSimanga usuke wandixaka ngokuzingca kangaka abe engasiboni isiphako sakhe oku kwekat\u2019 etsh\u2019 icala.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuvus\u2019 umnyele: <\/strong>Ukucaphukisa.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuvuk\u2019 inj\u2019 ebomvu; <\/strong>Ukuba nomsindo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Yindlel\u2019 enqwelo: <\/strong>Isimilo sakhe sithe tse.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukophula izikeyi: <\/strong>Ukuqaqadeka<strong>.\u00a0<\/strong><\/li>\n\n\n\n<li><strong>Akancweli mtya: <\/strong>Akalungiseleli meko xa aphonononga umcimbi. Into uyibeka njengoko ibonakala injalo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Unotshobo: <\/strong>Akalawuleki.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Udle amasi egusha: <\/strong>Unamatshamba.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Umalahlwa nofele: <\/strong>Umntu ekungenakuzuzwa nto ibalulekileyo kuye. Umntu ongeloncedo nganto. Umalahlwa nofele lihashe, kuba inyama yalo ingatyiwa.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuphala phambili: <\/strong>Ukungxama.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuba yingcuka: <\/strong>Umntu onentliziyo ende, ongoneliyo koko anako okanye akufumeneyo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Isijamankungwini: <\/strong>Umntu onochuku.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Akaqhuqhekanga: <\/strong>Umntu othetha amagama alumezayo adla ngokubizwa ngezihlonipho.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuba krwada: <\/strong>Ukuthetha intetho ethukayo, elumezayo nemanyumnyezi ukuba ingathethwa ngumntu.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Unomthi kanomyayi: <\/strong>Kubhekiswa kumntu osindayo ekubhaqweni kwizinto ezingamkelekanga azenzayo. Kukwabhekiswa kumntu ophuncuka lula emayenqeleni anzelwa wona, uthi selefunwa angafumaneki.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukubethisa ngomoya: <\/strong>Ukungahoyi umntu ofanele ukuba uyamnceda.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuginy\u2019 ilitye: <\/strong>Uqwebe isibindi sokwenza into ebefudula esoyika ukuyenza.<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukwenza umtsi wesele: <\/strong>Ukungxama ukuya apho uya khona, ukukhawuleza.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Umzondo awuziva kunuka: <\/strong>Umntu owenza izinto ezingamnkelekanga abe engaziboni iziphoso zakhe.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Zingasuzela zityebile: <\/strong>Angathi akhukhumale ikho into anayo angafuni kwabelana ngayo nabany\u2019 abantu. Enomsindo nje kusenokuba uyabandakanyeka kule nto ithethwa ngaye.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Iinyosi zinobusi: <\/strong>Ngumntu othi xa enento angafuni mntu ecaleni kwakhe. Kaloku xa zinobusi iinyosi azifuni kwanto ingumntu kufutshane naloo ndawo zakhe kuyo. Uyakuthi useza nje zibe zikukhawulela zikufaka ulwamvila, uyakuncama ujike, okanye uphambuke.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuba yincukuthu: <\/strong>Ukusoloko usamkela uncedo oluvela kwabany\u2019 abantu ube wena usonga \u00a0 amandl\u2019 akho ungancedisi nakancinane.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukutsiba izicithi: <\/strong>Ukungalawuleki, ukusa ude uqaqadeke.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukusithela ngesicithi: <\/strong>Ukunika isizathu esingavakaliyo ukuxhasa isenzo sakho.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Nocwethe uzibon\u2019 ubukhulu: <\/strong>Umntu ongajongelwanga ntweni naye uzibonakalisa ubunganga bakhe. Cwethe yimpuku encinci kakhulu apha ezimpukwini.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuvuth\u2019 amadangatye: <\/strong>Ukuba nomsindo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukulephuza amadangatye: <\/strong>Ukuba nomsindo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuba negqwaru: <\/strong>Ukuvele ucaphuke kungekho sidingo singako sokwenza oko.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuba nephuku: <\/strong>Ukuba nomsindo kungekho sizathu soko.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukupuca: <\/strong>Ukungazimiseli, nje ngomntu omdala, ekwenzeni into esezingqondweni nemelwe ukukwenziwa ngabantu abadala.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Iqotho-qikili: <\/strong>Umntu omela into nokuba akayichananga okanye ayamkelekanga.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ungqondo-gqwirha: <\/strong>Umntu owenzela abanye amayelenqe.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukubholel\u2019 ecaleni: <\/strong>Ukwenza into engangqinelaniyo naleyo yenziwa ngabanye. Ukwenza, ngezenzo nangentetha, okunxamnye noko kugqitywe ukuba makwenziwe.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuzenza idini: <\/strong>Ukuzincama okanye ukuzinikela ukuze kulungelwe omnye umntu.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Uphambene wayipeni enye: <\/strong>Ukuba nomsindo yinto ze wenze okanye uthethe izinto ukuloo msindo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Umaph\u2019 esoxutha: <\/strong>Ngumntu okunika into abuye ayifune, Ngumntu okunika ithuba lokwenza into abuye akunqande ukuba ungayenzi.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Uvela barhwaqele: <\/strong>Ngumntu owoyikwayo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukubopha ngebande elinye: <\/strong>Ukudibanisa abantu kuluhlu olunye, nokuba kungenxa yezenzo ezihle okanye ezimbi.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukubopha amabande: <\/strong>Ukudibanisa nantoni na onayo ukuzama ukuphumelelisa iinjongo zakho.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukoyikisa ngenyoka efileyo: <\/strong>Ukoyikisa umntu ngento engekhoyo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuzibamba: <\/strong>Ukuzinqanda ukuba ungayenzi into ocinga ukuyenza.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Uqule waligangatha: <\/strong>Ukuzilungiselela ukumelana noxanduva oluphambi kwakho.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Uwubophe wamncinci: <\/strong>Ukulungiselela ukuthath\u2019 indlela.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Izambana elibolileyo: <\/strong>Umntu osasaza umkhuba ombi phakathi kwabantu abenza okuhle okanye abacingelwa ukuba benza okuhle nekufanele ukuba bayakwenza.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukubopha ngengubo enye: <\/strong>Ukudibanisa abantu kuloo nto yenzekileyo, nokuba abanye abayenzanga.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuquqa ubuyelela: <\/strong>Ukuphindaphinda ulandelela into.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukubuza ibhasi ibhaliwe: <\/strong>Ukubuza into ecacileyo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukukhaba ngaw\u2019 omane: <\/strong>Ukulandula kungabikho themba lokuba uzakuvuma.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukutyhila kweliny\u2019 ikhasi: <\/strong>Ukuguquka kwindlela obukade usenza ngayo izinto.\u00a0Le ntetho ijoliswe kakhulu kumntu owenza ngcono kunokuba ebesenza.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Andibethelwa nangu-re: <\/strong>Andiyihoyanga loo nto yenzekayo okanye ethethwayo ngam.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Uchasele okwethamsanqa: <\/strong>Ukungafumaneki lula.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ilahle elinothuthu: <\/strong>Umntu okhangeleka elulamile athi akuqhwaywa avukwe yinkohlakalo.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuzibamba tsolo: <\/strong>Ukuzenza onolwazi oludlula wonke umntu.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuvala ngamahlahla: <\/strong>Ukukhusela ingxaki ingekehli.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Singasemonyeni: <\/strong>Silindele ukuva iindaba.\u00a0<\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ina-ethe: <\/strong>Njengoko ndikunika okulunge kuwe, nawe ndinike okulunge kum ngaxeshanye.\u00a0<\/li>\n<\/ul>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"","protected":false},"author":255,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[722],"tags":[1915,1913,530,1899,1901,660,1900,878,235,1916,236,1911,571,871,209,677,1917,750,825,827,1909,862,1914,1903,1902,1912,1906,1905,1907,1898,850,1897,1904,1908,1910,986],"class_list":["post-2817","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-amaqhalo-nezaci","tag-amabande","tag-amadangatye","tag-amalahle","tag-amantshiyane","tag-amaqhosha","tag-amasi","tag-amatshantliziyo","tag-amazinyo","tag-amehlo","tag-ibhasi","tag-iimpumlo","tag-iincukuthu","tag-iingcuka","tag-iinqwelo","tag-iintshiya","tag-iinyosi","tag-ilahle","tag-iliso","tag-imbulu","tag-imisila","tag-imizondo","tag-indlala","tag-iphuku","tag-isiciko","tag-iziciko","tag-izicithi","tag-izijamankungwini","tag-izikeyi","tag-oonomyayi","tag-ukubila","tag-ukuhleka","tag-uluncu","tag-umnyele","tag-umtsi","tag-umzondo","tag-utshobo"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.3 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Izaci ngokuziphatha nokuhlonipha - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Izaci ngokuziphatha nokuhlonipha - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2024-07-29T04:07:00+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"silucoki\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"silucoki\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"5 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"silucoki\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\"},\"headline\":\"Izaci ngokuziphatha nokuhlonipha\",\"datePublished\":\"2024-07-29T04:07:00+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\\\/\"},\"wordCount\":911,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Amabande\",\"Amadangatye\",\"Amalahle\",\"Amantshiyane\",\"Amaqhosha\",\"Amasi\",\"Amatshantliziyo\",\"Amazinyo\",\"Amehlo\",\"Ibhasi\",\"Iimpumlo\",\"Iincukuthu\",\"Iingcuka\",\"Iinqwelo\",\"Iintshiya\",\"Iinyosi\",\"Ilahle\",\"Iliso\",\"Imbulu\",\"Imisila\",\"Imizondo\",\"Indlala\",\"Iphuku\",\"Isiciko\",\"Iziciko\",\"Izicithi\",\"Izijamankungwini\",\"Izikeyi\",\"Oonomyayi\",\"Ukubila\",\"Ukuhleka\",\"Uluncu\",\"Umnyele\",\"Umtsi\",\"Umzondo\",\"Utshobo\"],\"articleSection\":[\"Amaqhalo neZaci\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\\\/\",\"name\":\"Izaci ngokuziphatha nokuhlonipha - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2024-07-29T04:07:00+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Izaci ngokuziphatha nokuhlonipha\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227\",\"name\":\"silucoki\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"silucoki\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/silucoki\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Izaci ngokuziphatha nokuhlonipha - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Izaci ngokuziphatha nokuhlonipha - iAfrika - isiXhosa","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2024-07-29T04:07:00+00:00","author":"silucoki","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"silucoki","Est. reading time":"5 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/"},"author":{"name":"silucoki","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227"},"headline":"Izaci ngokuziphatha nokuhlonipha","datePublished":"2024-07-29T04:07:00+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/"},"wordCount":911,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Amabande","Amadangatye","Amalahle","Amantshiyane","Amaqhosha","Amasi","Amatshantliziyo","Amazinyo","Amehlo","Ibhasi","Iimpumlo","Iincukuthu","Iingcuka","Iinqwelo","Iintshiya","Iinyosi","Ilahle","Iliso","Imbulu","Imisila","Imizondo","Indlala","Iphuku","Isiciko","Iziciko","Izicithi","Izijamankungwini","Izikeyi","Oonomyayi","Ukubila","Ukuhleka","Uluncu","Umnyele","Umtsi","Umzondo","Utshobo"],"articleSection":["Amaqhalo neZaci"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/","name":"Izaci ngokuziphatha nokuhlonipha - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2024-07-29T04:07:00+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokuziphatha-nokuhlonipha\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Izaci ngokuziphatha nokuhlonipha"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/8052d6def9380934fb4d2abd47ea5227","name":"silucoki","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/ce8acd26ae165129129226a91d6dbc92cc0b45950c162f045251586b6268b7d8?s=96&d=mm&r=g","caption":"silucoki"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/silucoki\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":2924,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokhuseleko-nokuqaphela\/","url_meta":{"origin":2817,"position":0},"title":"Izaci ngokhuseleko nokuqaphela","author":"silucoki","date":"15\/07\/2024","format":false,"excerpt":"Ukutyebis\u2019 amehlo: Ukuzanezisa ngokuthi uyibone into.\u00a0 Ukulola amehlo: Ukuqwalasela.\u00a0 Ukuba liliso: Ukukhathalela into.\u00a0Umzekelo: Melwane ndiza kukhe ndithi tshalala ngomso ndibuye sekuhlwile. Ndincede ubeliliso phaya endlwini kuba imigewu iyalana nokubona indlu ivaliwe.\u00a0 Ukuba neliso elibukhali: Ukukwazi ukuqaphela into eyenzekayo.\u00a0Umzekelo: Hayi ntanga awunakumqhatha uMjongile, uneliso elibukhali laa mfo. Ude aqaphele nale ubucing\u2019\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":831,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaphupha-ngamehlo\/","url_meta":{"origin":2817,"position":1},"title":"Amaphupha ngamehlo","author":"silucoki","date":"08\/12\/2023","format":false,"excerpt":"Ukuba uphupha ngamehlo, kufuneka uqaphele kuba eli phupha lingahlalutywa ngendlela ezahlukileyo. Ukuba ulahlekelwa lelinye lamehlo akho ephupheni, oko kunokuthetha ukuba kukho ingozi endlwini yakho kwaye kufuneka uqaphele. Ukuba uyakhala ephupheni, ungakhathazeki, kunokuthetha ukuba kukho ulonwabo oluza kuwe kungekudala. Nangona kunjalo, ukuba ufuna izipekisi zakho ephupheni lakho, oko kunokuthetha ukuba kukho\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaphupha neengcaciso zawo&quot;","block_context":{"text":"Amaphupha neengcaciso zawo","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaphupha-neengcaciso-zawo\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2769,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngokulumnkisa\/","url_meta":{"origin":2817,"position":2},"title":"Izaci ngokulumnkisa","author":"silucoki","date":"26\/08\/2024","format":false,"excerpt":"Ikhaba alithenjwa: Lindela isiphumo sento ngaphambi kokuba uqiniseke ngayo. Ikhaba sisityalo sombona esiselula nesingekadubuli nokudubula, okanye esingekaphumi ntshatshoba.\u00a0 Ukugqogqa iindlebe: Ukuxelelisisa umntu kuloo nto ufuna ayiqonde.\u00a0 Ukungqiniba: Ukuvalela umntu ukuba angathathi nxaxheba kumcimbi oxovulwayo. Ukulumkisa umntu kwinto ebengayiqapheli ukuba inengxaki.\u00a0 Ukufinyeza umbhinqo: Ukuphaphama, wenze izinto ezifanelekileyo ngexesha unako ukwenza oko.\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2741,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngethemba\/","url_meta":{"origin":2817,"position":3},"title":"Izaci ngethemba","author":"silucoki","date":"23\/09\/2024","format":false,"excerpt":"Ukujonga enkalweni: Ukulindela ukwenzeka kwento ingade yenzeke ngeli xesha uyilindele ngalo. Umzekelo: Kunini ndijong\u2019 enkalweni ingade ifike incwadi endiyibhalelwe ngunyana wam.\u00a0 Amehlo ajonge elundini: Ukulindela into ngenzondelelo.\u00a0 Ukujonga ngamehl\u2019 abomvu: Ukungxamela ukwenzeka kwento. Ukulindela ngamandla ukuba kwenzeke into. Ukuba nethemba elikhulu lokufumana into. Umzekelo: Kanti ke ndisijonge ngamehl\u2019 abomvu isipho\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2604,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngenqala-nezisongelo\/","url_meta":{"origin":2817,"position":4},"title":"Izaci ngenqala nezisongelo","author":"silucoki","date":"27\/05\/2024","format":false,"excerpt":"Uyakutyaphaka amehlo: Le ntetho ithethwa ukulumkisa umntu ukuba angajongi into angamelwanga kuyibona.\u00a0 Uyakuzibona: Uyakufumaneka ngale nto uyenzayo.\u00a0 Uyakuzibuka esipilini: Uyakufumaneka ngale nto uyenzayo.\u00a0 Ukumunca iintupha: Ukufunga ukuba loo nto izakwenzeka nokuba iimeko zithini. Ukuzimisela ekwenzeni into nokuba iimeko zithini na.\u00a0 Ndakuyicel\u2019 ivuthiwe: Ndakuyibona xa iphumelele.\u00a0 Uyakuhamba ngoyibonayo: Le ntetho ibhekiswa\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2784,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngenkangeleko\/","url_meta":{"origin":2817,"position":5},"title":"Izaci ngenkangeleko","author":"silucoki","date":"07\/08\/2024","format":false,"excerpt":"Ukujingisa intloko: Ukudana.\u00a0 Ukubamb\u2019 amazinyo: Ukoyikisela ukuba ngehle kwenzeke into embi. Umzekelo: Uthe akuthi gqi uyise kaValelisa ndabamb\u2019 amazinyo ukuba akazukumbhaqa esona na njengokuba ezimisele ukonakalisa yonk\u2019 into nje.\u00a0 Ukuqinisa imihlathi: Ukunyamezela.\u00a0 Ukudla imihlathi: Ukuqumba.\u00a0 Ukuthi caa izisini: Udano oluxube nomothuko ngenxa yesenzo ubungalindelanga ukuba singenzeka, umzekelo, yeka ukumthemba kangaka\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-Jr","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/2817","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/255"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=2817"}],"version-history":[{"count":1,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/2817\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":2818,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/2817\/revisions\/2818"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=2817"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=2817"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=2817"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}