{"id":2206,"date":"2024-04-16T14:43:40","date_gmt":"2024-04-16T12:43:40","guid":{"rendered":"https:\/\/amaqhalo.co.za\/?p=91"},"modified":"2024-04-16T14:43:40","modified_gmt":"2024-04-16T12:43:40","slug":"amaqhalo-ngobunzima-neengxaki","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/","title":{"rendered":"Amaqhalo ngobunzima neengxaki"},"content":{"rendered":"\n<ul class=\"wp-block-list\">\n<li><strong>Izinyo eliqaqambayo liviwa ngumninilo: <\/strong>Ingxaki yomntu yaziwa ngumniniyo. Hayi ukubabuhlungu kwalo izinyo xa linengxaki, kodwa ezo ntlungu aziviwa ngomnye umntu ngaphandle kokuba axelelwe ngulo uqaqanjelwayo ukuba unezinyo elibuhlungu.    <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Isilonda siphola ngokuthunukwa:  <\/strong>Xa unengxaki yiphalaze kumntu ozakukunceda ekuyisombululeni. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Umazi wendlela ngowakha wayihamba: <\/strong>Izinto ezixakayo zibuzwa kumntu onamava okuzisombulula. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Isisila senkuku sibonwa mhla ligquthayo: <\/strong>Isimilo somntu sibonakala mhla asengxakini. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Inkomo ikhab\u2019 oyisengayo:<\/strong> Akukho mntu unokuba sengxakini engakhange ayiqale ngokwakhe. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Unyoko walotyolwa ngamakhuba: <\/strong>Kutshiwo kumntu osoloko ambethwe ziingxaki. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuphalisa ihashe ngaphandle kwesingqwashu: <\/strong>Ukuzifaka engxakini.  Isingqwashu lilaphi okanye isijungqe sengubo okanye irhonya elibekwa phezu kwehashe ngaphambi kokuba ubele isali, kwenzelwa ukuba ihashe lingatyatyulwa yisali okanye nawe ungatyabuki xa ulikhwela ngaphandle kwesali. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Isiziba ziviwa ngodondolo:  <\/strong>Musa ukuzifaka entweni ungabuphononanga ubunzulu bayo. Udondolo yintonga ebisakusetyenziswa ukuvavanya ubunzulu bomlambo xa kuwelwa. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Uthathisele amathole eng\u2019ang\u2019ane: <\/strong>Uzibizele ingxaki ngokona umntu ongazukukuyeka de aziphindezele kwinto embi omenze yona. Ing\u2019ang\u2019ane yintaka enkulu enokuba kumlinge womqhagi osel\u2019 ukhule kakhulu. Linomlomo omde. Kuthiwa xa uthathe intshontsho leng\u2019ang\u2019ane lilwa nawe kwaye alizukuyeka ungadanga waliyeka elo ntshontsho. Uba ngatshona ngapha libekeke emva kwakho, phofu likuthwaxa nangamaphiko nangemilenze kangangendlela elingakonwabisi ngayo uyakuncama uliyeke. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Isihlangu siviwa ngumniniso ukuba siyaluma: <\/strong>Ubunzulu bengxaki baziwa ngumniniyo. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Uyakuhlangana nenyoka iphung\u2019 umhluzi:<\/strong> Uyakugagana nengxaki. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ikhuba livumbulule ifubesi: <\/strong>Ukuziqhwayela ingxaki enobungozi. Kukho isele elikhulu abanye abathi yindubula, abanye bathi lifubesi. Eli sele lithi xa lihlangana nengozi livele ligqume oku kwenkuzi yenkomo, livuthelane de ligqabuke. Kuthiwa loo ncindi yalo ephuma xa ligqabukile inetyefu enokubulala nantoni na echatshazelwe yiloo tyhefu. Liyathanda ukuhlala phantsi komhlaba eli sele. Ukuba liphantsi komhlaba emasimini kuyenzeka ukuba lingavunjululwa likhuba xa kulinywa. Ukuba lithe lavunjululwa lizakutsho ngeso sandi salo, lithi lisaqala ukubhonga zivele zingalawuleki iinkomo ezilimayo. Zingabaleka nezo dyokhwe, zidlokove de zipheqe nokupheqa. Ngelo xesha nazo ziyabhonga. Ungasinda kule meko xa ngaba ikhuba lithe lalenzakalisa elo sele. Loo nto yenza lingakwazi nokubhonga nokukhukhumala. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Uzithezele isikhuni somhlakothi:  <\/strong>Ukuzilandela ingxaki ekungelula ukuzikhupha kuyo. Umhlakothi ngumthi okhula phaya endle. Kuthiwa xa ubase iinkuni zomhlakothi zivele zitsho ngomsi onganyamezelekiyo kube kwelinye icala zingayekanga ukutaka iintlantsi. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuzixhoxhela isikhuni somhlakothi:<\/strong>  Ukuzibizela ingxaki.  Njengokuba kuchaziwe ngentl\u2019 apha, xa ubasa iinkuni zomhlakothi ziyaqhuma kwaye zenza iintlantsi. ngoku xa uzakuphinda usixhokonxe eso sikhuni usibasileyo sakutaka iintlantsi okokoko, sibe singayekanga ukuqhuma. Uyakufa lungcume ngapha, ube uphepha iintlantsi kweliny\u2019 icala. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Umhlaba omagad\u2019 ahlabayo:<\/strong>  Kutshiwo xa kunconywa ubunzima obufumaneka ngokuphila aph\u2019 emhlabeni. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuthwalisa inyanda yamathumbu:<\/strong>  Ukuxakekisa umntu ngento ekungalulanga ukuyenza. Akukho lula ukuqokelela amathumbu kuba uthi uwaqoqosha ngapha abe ephutshuluka kweliny\u2019 icala. Kubeka phi ke xa uzakuwathwala entloko?    <\/li>\n<\/ul>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\"><strong>Umzekelo. <\/strong>Hayi uQhophololo undithwalisa inyanda yamathumbu, angathini athi ewazi umthetho abe esithi mandenze into enxamnye nomthetho?  <\/p>\n\n\n\n<ul class=\"wp-block-list\">\n<li><strong>Ukukhwelisa inja enqweleni:  <\/strong>Ukwenza umsebenzi ekunzima ukuwufeza. Uthi ulungisa umntu abe ebuyela kule nto umlungisa kuyo. Wena wakhe wazama ukukhwelisa inja enqweleni, uthi ugqiba kuyikhwelisa nje xa uyiyeka ibe seyisiya kwela cala isehla. Iyakuba nguloo dulubhentsu ke ude ube uyayincama.    <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Uzinqikela ilitye elineembovane: <\/strong>Ukuzibizela ingxaki. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Uzinqikela ilitye elinenkume: <\/strong>Ukuzifaka engxakini. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukubamba ilahle elivuthayo: <\/strong>Ukuziqhwayela ingxaki. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukukhawulela iinkawu zisiyakusela:<\/strong> Ukutsibela into ekude kunawe, ukuzifaka engxakini. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuhlangana neembila zichithakala: <\/strong>Ukuvelelwa yingxaki.\n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukunyathel\u2019 ingwe emsileni:<\/strong> Ukuzibizela ingxaki. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuzifaka emlonyeni wengonyama: <\/strong>Ukuzifaka engxakini. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukunyathel\u2019 ingwe emsileni: <\/strong>Ukuzibizela ingxaki. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Amazwembezwembe kaGxuluwe nabaThwa: <\/strong>Ingxaki ekunzima ukusombululeka. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Umaf\u2019 evuka njengenyanga: <\/strong>Umntu ongakwamkeliyo ukohlulwa nakubeni esoyiswa rhoqo, ingxaki ebuya ithi gqi ngoku besekucingwa isombululekile. \n  <\/li>\n\n\n\n<li><strong>Ukuhlala phezu kwamalahle atshisayo: <\/strong>Ukuba nengxaki. Ukuba kwimeko enganyamezelekiyo.<\/li>\n<\/ul>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Umzekelo. Hayi uQhophololo undithwalisa inyanda yamathumbu, angathini athi ewazi umthetho abe esithi mandenze into enxamnye nomthetho?<\/p>\n","protected":false},"author":139,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":false,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[722],"tags":[616,530,877,878,879,880,881,672,59,570,882,883,884,885,695,886,887,888,889,890,891,892,893],"class_list":["post-2206","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-amaqhalo-nezaci","tag-amakhuba","tag-amalahle","tag-amangangane","tag-amazinyo","tag-amazwembezwembe","tag-enqweleni","tag-ihashe","tag-iimbila","tag-iimbovane","tag-iinkawu","tag-indlela","tag-ingonyama","tag-ingwe","tag-inkume","tag-inyanga","tag-isilonda","tag-isingqwashu","tag-isisila","tag-isiziba","tag-izihlangu","tag-udondolo","tag-ugxuluwe","tag-walotyolwa"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.8 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Amaqhalo ngobunzima neengxaki - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Amaqhalo ngobunzima neengxaki - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Umzekelo. Hayi uQhophololo undithwalisa inyanda yamathumbu, angathini athi ewazi umthetho abe esithi mandenze into enxamnye nomthetho?\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2024-04-16T12:43:40+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"iAfrika\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"iAfrika\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"3 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"iAfrika\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb\"},\"headline\":\"Amaqhalo ngobunzima neengxaki\",\"datePublished\":\"2024-04-16T12:43:40+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\\\/\"},\"wordCount\":535,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"Amakhuba\",\"Amalahle\",\"Amang\u2019ang\u2019ane\",\"Amazinyo\",\"Amazwembezwembe\",\"Enqweleni\",\"Ihashe\",\"IImbila\",\"Iimbovane\",\"Iinkawu\",\"Indlela\",\"Ingonyama\",\"Ingwe\",\"Inkume\",\"Inyanga\",\"Isilonda\",\"Isingqwashu\",\"Isisila\",\"Isiziba\",\"Izihlangu\",\"Udondolo\",\"UGxuluwe\",\"Walotyolwa\"],\"articleSection\":[\"Amaqhalo neZaci\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\\\/\",\"name\":\"Amaqhalo ngobunzima neengxaki - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2024-04-16T12:43:40+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Amaqhalo ngobunzima neengxaki\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb\",\"name\":\"iAfrika\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"iAfrika\"},\"description\":\"Amaphupho, Amasiko, Izithakazelo, Umlando ngesiZulu. Amaphupha ngesiXhosa: https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/iafrika\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Amaqhalo ngobunzima neengxaki - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Amaqhalo ngobunzima neengxaki - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Umzekelo. Hayi uQhophololo undithwalisa inyanda yamathumbu, angathini athi ewazi umthetho abe esithi mandenze into enxamnye nomthetho?","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2024-04-16T12:43:40+00:00","author":"iAfrika","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"iAfrika","Est. reading time":"3 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/"},"author":{"name":"iAfrika","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb"},"headline":"Amaqhalo ngobunzima neengxaki","datePublished":"2024-04-16T12:43:40+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/"},"wordCount":535,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["Amakhuba","Amalahle","Amang\u2019ang\u2019ane","Amazinyo","Amazwembezwembe","Enqweleni","Ihashe","IImbila","Iimbovane","Iinkawu","Indlela","Ingonyama","Ingwe","Inkume","Inyanga","Isilonda","Isingqwashu","Isisila","Isiziba","Izihlangu","Udondolo","UGxuluwe","Walotyolwa"],"articleSection":["Amaqhalo neZaci"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/","name":"Amaqhalo ngobunzima neengxaki - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2024-04-16T12:43:40+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobunzima-neengxaki\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Amaqhalo ngobunzima neengxaki"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/55a0587c04707bb054363ee4f50541bb","name":"iAfrika","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e14e935f8a006378fd964349e3062a0d752068ce7b225a31c446f0d96468dc55?s=96&d=mm&r=g","caption":"iAfrika"},"description":"Amaphupho, Amasiko, Izithakazelo, Umlando ngesiZulu. Amaphupha ngesiXhosa: https:\/\/iafrika.org\/xh","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/iafrika\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":61,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngobuhlobo\/","url_meta":{"origin":2206,"position":0},"title":"Amaqhalo ngobuhlobo","author":"iAfrika","date":"16\/04\/2024","format":false,"excerpt":"Indoda imba kwenye eqolo: Akukho mntu uphumelela engafumani luncedo kwabanye. Umzekelo. Uyakuphumelela ngonoquku kule nto azimisele ukuyenza yedwa, kaloku indoda imba kwenye eqolo. Umbeki nkosi indawo akayihlali: Umntu oncede omny\u2019 umntu waphumelela udla ngokulityalwa ngulo ebemnceda. Umntwana okhuliswe ngabazali wade wamdala uthi akuzimela alibale ukuxhasa abo bazali bakhe. Ungaz\u2019 uye\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2188,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngenkangeleko\/","url_meta":{"origin":2206,"position":1},"title":"Amaqhalo ngenkangeleko","author":"iAfrika","date":"16\/04\/2024","format":false,"excerpt":"Akukho nzwana ingenasiphako: Akukho mntu ungayenziyo impazamo. Akukho mntu ugqibeleleyo, ongenasiphene. Umzekelo: Ndiyabeva aba bagxeka intetho kaCiko, ibe phofu ivunywa nanguthathatha ukuba ibiludlwabevu. Kakade akukho nzwana ingenasiphako nokuba zingakho ezo zinto bamgxeka ngazo. Entsimini echumileyo nezihumba ziyahluma: Akukho mntu ugqibeleleyo. Xa ulime umbona ubona ngokuphuma kwezikhwebu ukuba uthwele. Maxa wambi\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2220,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngempindezelo\/","url_meta":{"origin":2206,"position":2},"title":"Amaqhalo ngempindezelo","author":"iAfrika","date":"16\/04\/2024","format":false,"excerpt":"Isikhuni sibuye nomkhwezeli: Umntu obephembelela ingxwabangxwaba, isuke yamjikela. Uyakuv\u2019 int\u2019 embi eyaviwa nguhili waseMambalwini: Ungayenzi into engalunganga komny\u2019 umntu kuba uyakwehlelwa yint\u2019 embi xa eziphindezela, Kuthiwa ndoda ithile yamaMbalu yayikrokrela ukuba kukho uhili othandana nenkosikazi yakhe. Yacinga icebo lokumbamba yaza yagqiba kwelokuba izakwenza ngathi ithatha uhambo kodwa ibuye ngobusuku. Ngenene\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":12,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngomtshato\/","url_meta":{"origin":2206,"position":3},"title":"Amaqhalo ngomtshato","author":"iAfrika","date":"16\/04\/2024","format":false,"excerpt":"Ubeba uyakuzeka ekaSambuntsuntsu kanti uyakuzeka ekaSihlongonya: Akakwazanga ukufikelela kwiminqweno yakhe. USambuntsuntsu ngumntu ohluthayo, osisinhanha nongaswelanga nto. USihlongonya ngumntu osokolayo, ongathathi ntweni. Ubeba uyakwendela enkosini kanti uyakwendela kumfokazana: Akakwazanga ukufikelela kwiminqweno yakhe. Iphelile into ebekusithiwa mkhozi ngayo: Into ebidibanisa abo bantu ifikelele esiphelweni, nokuba bubuhlobo okanye into ebixoxwa. Ubuhle bendoda zinkomo:\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2197,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amaqhalo-ngesini\/","url_meta":{"origin":2206,"position":4},"title":"Amaqhalo ngesini","author":"iAfrika","date":"16\/04\/2024","format":false,"excerpt":"UJobela phakathi kweentakazana: Umntu okwindawo ekungamelwanga ukuba ukuyo kwaye ubukho bakhe bungamnkelekanga. Idla ngokuba sisikweko esisingisele kumntu oyindoda othanda ukuba phakathi kwamanina. Umzekelo: Andimazi ukuba uZinto ebefunani kumbhiyozo woomama njengokuba esuke wanguJobela phakathi kweentakazana nje.","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":2784,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/izaci-ngenkangeleko\/","url_meta":{"origin":2206,"position":5},"title":"Izaci ngenkangeleko","author":"silucoki","date":"07\/08\/2024","format":false,"excerpt":"Ukujingisa intloko: Ukudana.\u00a0 Ukubamb\u2019 amazinyo: Ukoyikisela ukuba ngehle kwenzeke into embi. Umzekelo: Uthe akuthi gqi uyise kaValelisa ndabamb\u2019 amazinyo ukuba akazukumbhaqa esona na njengokuba ezimisele ukonakalisa yonk\u2019 into nje.\u00a0 Ukuqinisa imihlathi: Ukunyamezela.\u00a0 Ukudla imihlathi: Ukuqumba.\u00a0 Ukuthi caa izisini: Udano oluxube nomothuko ngenxa yesenzo ubungalindelanga ukuba singenzeka, umzekelo, yeka ukumthemba kangaka\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amaqhalo neZaci&quot;","block_context":{"text":"Amaqhalo neZaci","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amaqhalo-nezaci\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-zA","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/2206","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/139"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=2206"}],"version-history":[{"count":1,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/2206\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":2250,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/2206\/revisions\/2250"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=2206"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=2206"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=2206"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}