{"id":2119,"date":"2025-02-11T10:09:52","date_gmt":"2025-02-11T08:09:52","guid":{"rendered":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?p=2119"},"modified":"2025-04-16T18:32:54","modified_gmt":"2025-04-16T16:32:54","slug":"iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa","status":"publish","type":"post","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/","title":{"rendered":"Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa"},"content":{"rendered":"\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Ingabula zigcawu<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Mabandla omzi kaNtu, ndiyabhotisa kwaye ndibulela kwangokunjalo ukuba nithi cakatha kweli khasi eliphefumla ngani. Kaloku xa kuthethwa ngeziduko kumzi oNtsundu kuthethwa ngobuyena bakhe. Kungoko ke kaloku naphi na apho kudityanwa khona ngabantu, umbuzo wokuqala omnye komnye uthi, &#8220;Ungumni?&#8221; Yeka ke ukubobotheka kulowo ubuzwayo kuba kaloku kubuzwa ngobuyena bakhe. Uyakutyatyadula ke ezibika ukuba unguNatsi wakaNatsi emaNatsikeni. <br><br>Nqwa ke nemvelaphi yohlanga lwaloo mntu, lukwancwinwa ngokukhondoziswa kwesiduko sakhe. Kungoko uyakufumanisa ukuba xa ubani esithi isiduko sakhe nguMjoli, kwangoko lowo ubuzayo sel&#8217; esazi ukuba ugagene neBhaca. Ukuba uthi unguTshezi, liBomvana elo. URadebe liHlubi, uJola liMpondomise, uFaku liMpondo, xa kuthiwa Khondlo kubhekiswa kuMangwe. AmaNgwe kukwathiwa ngamaPhuthini. UDlomo nguMthembu, UMbathane nguXesibe ze uTshawe yena abe ngumXhosa. <br><br>Sikhona ke nesizwe sabeSuthu kwalapha kula maphondo mabini. Kodwa ke masiyazi into yokuba zimbini izindlu zabeSuthu. Bakho abeSuthu abasungulwa nguMoshoeshoe edibanisa iintlanga ezahlukeneyo ezintetho yazo eyayibizwa ngolo hlanga lwayo. Umzekelo abaTlokwa, ooMosia, amaPedi, njalo njalo, zazisaziwa ngokuba zithetha isiTlokwa, isiMosia, isiPedi. Zonke ezi ntlanga zadityaniswa nguMoshoeshoe kwaze kwavela ulwimi lwesiSotho. Bakwakho naba abeSuthu baziduko zabo izezesiXhosa kodwa babe besithi bangabeSuthu ngokwengcambu.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Asizukunaba ke ngembali yezi zizwe kuba kweli khasi umongo wethu ziziduko. Omnye umba ekumele siwuqaphele xa siphicotha iziduko ngowokuba isiduko ngasinye sithuthwa ngokungafani ncam kwiziphaluka ngeziphaluka. Nakubeni kunjalo indili yesiduko yona iyabizwa ze kwahluke ngezangotshe sokuzithutha okanye ukuzibonga (Umzekelo weziphaluka, unganceda apha ukucacisa nzulu le ntetho).<\/p>\n\n\n\n<h2 class=\"wp-block-heading\">Nazi ezinye iindawo ezimbini ezibaluleke kakhulu kumba odibene neziduko:<\/h2>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Eyokuqala yeyokuba abantu abaNtsundu bafumaneka kuzo zonke iindawo zalapha eMzantsi Afrika kwaye banelungelo lokwenjenjalo. Loo nto ke ithetha ukuba isiduko ngasinye somntu oNtsundu siyafumaneka kuzo zonke iziphaluka zeli lizwe. <\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Into yokuba izizwe ezithile zabelwe indawo ethile ze kuthiwe yindawo yabo, loo nto yenziwa ngamakoloniyale angamaNgesi. Kungoko sifumana into yokuba isizwe esithile simi kumhlaba othile. Phofu ke loo meko yenziwa mandundu nalulawulo lorhulumente wengcinezelo. Abanye basuswa ngenkani bayakuphoswa emalandalahle. Eyesibini indawo yeyokuba iziduko zabantu zifumaneka kuyo yonke imimandla yezizwe zonke zaseMzantsi. Ndizakwenza umzekelo ngesiduko samaBhaca kuba ndizaku qala ngokubhala iziduko zawo. Umzekelo, isiduko sikaWushe sikhona kummandla wamaMpondo nowamaXhosa nabaThembu, njalo njalo. UWushe osemaMpondweni akaloMpondo koko uliBhaca elakhe kummandla owabelwe amaMpondo kwaye uzakuba phantsi kolawulo lwamaMpondo nakubeni engeloMpondo koko eliBhaca.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Ezi ndawo zimbini ziphakanyiselwa ukuba ungathi kuba ukumhlaba wamaBhaca kodwa unguXesibe ulindele ukuba isiduko sakho sizakubongwa phantsi kwamaBhaca. Akunjalo, koko eli qonga linceda ukuba sibeke izinto ngoononina ukuze siqiniseke ngeminombo yethu. Apha sizakubinza ngeziduko zezi zizwe zikhankanywe ngentla apha. Oko kuzakwenziwa ngokulandelelana ngokwamagama azo ukwenzel&#8217; ukuba kucwezelwe kwinto yokuba kuqalwe ngesizwe esithile kuba sineempawu ezithile ezodlula ezinye.<\/p>\n\n\n\n<p class=\"wp-block-paragraph\">Lilonke sizakuthutha iziduko ezifumaneka kwisizwe ngasinye sizilandelelanisa ngokokulandelelana kwamagama ezo ziduko kweso sizwe. Ngokwezizwe ke sizakuqala ngamaBhaca, size ngamaBomvana, Hlubi, Mpondomise, Mpondo, Mthembu, Ngwe, Xesibe, Xhosa. Akumnandi ngako ukuzazi ukuba umnombo wakho ngowesiphi na isizwe. Loo nto ke kodwa ayithi kukho isizwe esingaphezu kwesinye, zonke izizwe ziyalingana. Masirhabulisane ke kule bhekile. Ukuba ayigcwalanga nakwenjenjalo ukufak&#8217; isandla ngomoya wokuba sonke asigqibelelanga. Loo nto ke ithi makhe sikubekele ecaleni ukugxekana ngokungathi sonke sigqibelele. Masiphuthume umoya wokulungisana nokuncedisana ngokuthi songeze koko sekusesithebeni.<\/p>\n","protected":false},"excerpt":{"rendered":"<p>Ingabula zigcawu Mabandla omzi kaNtu, ndiyabhotisa kwaye ndibulela kwangokunjalo ukuba nithi cakatha kweli khasi eliphefumla ngani. Kaloku xa kuthethwa ngeziduko kumzi oNtsundu kuthethwa ngobuyena bakhe. Kungoko ke kaloku naphi na apho kudityanwa khona ngabantu, umbuzo wokuqala omnye komnye uthi, &#8220;Ungumni?&#8221; Yeka ke ukubobotheka kulowo ubuzwayo kuba kaloku kubuzwa ngobuyena bakhe. Uyakutyatyadula ke ezibika ukuba unguNatsi &#8230; <\/p>\n<p class=\"read-more-container\"><a title=\"Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa\" class=\"read-more button\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/#more-2119\" aria-label=\"Read more about Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa\">Funda okunye<\/a><\/p>\n","protected":false},"author":250,"featured_media":0,"comment_status":"open","ping_status":"open","sticky":false,"template":"","format":"standard","meta":{"_jetpack_newsletter_access":"","_jetpack_dont_email_post_to_subs":false,"_jetpack_newsletter_tier_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paywalled_content":false,"_jetpack_feature_clip_id":0,"_jetpack_memberships_contains_paid_content":false,"footnotes":"","jetpack_publicize_message":"","jetpack_publicize_feature_enabled":true,"jetpack_social_post_already_shared":true,"jetpack_social_options":{"image_generator_settings":{"template":"highway","default_image_id":0,"font":"","enabled":false},"version":2},"jetpack_post_was_ever_published":false},"categories":[1],"tags":[2818,2862,3341,3342,1363,2932,2933,2017,2465,230,3340],"class_list":["post-2119","post","type-post","status-publish","format-standard","hentry","category-imbali-iziduko","tag-amabhaca","tag-amabomvana","tag-empuma","tag-entshona-kapa","tag-hlubi","tag-mpondo","tag-mpondomise","tag-mthembu","tag-ngwe","tag-xesibe","tag-xhosa"],"yoast_head":"<!-- This site is optimized with the Yoast SEO plugin v28.6 - https:\/\/yoast.com\/product\/yoast-seo-wordpress\/ -->\n<title>Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa - iAfrika - isiXhosa<\/title>\n<meta name=\"robots\" content=\"index, follow, max-snippet:-1, max-image-preview:large, max-video-preview:-1\" \/>\n<link rel=\"canonical\" href=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/\" \/>\n<meta property=\"og:locale\" content=\"en_US\" \/>\n<meta property=\"og:type\" content=\"article\" \/>\n<meta property=\"og:title\" content=\"Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa - iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"og:description\" content=\"Ingabula zigcawu Mabandla omzi kaNtu, ndiyabhotisa kwaye ndibulela kwangokunjalo ukuba nithi cakatha kweli khasi eliphefumla ngani. Kaloku xa kuthethwa ngeziduko kumzi oNtsundu kuthethwa ngobuyena bakhe. Kungoko ke kaloku naphi na apho kudityanwa khona ngabantu, umbuzo wokuqala omnye komnye uthi, &#8220;Ungumni?&#8221; Yeka ke ukubobotheka kulowo ubuzwayo kuba kaloku kubuzwa ngobuyena bakhe. Uyakutyatyadula ke ezibika ukuba unguNatsi ... Funda okunye\" \/>\n<meta property=\"og:url\" content=\"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/\" \/>\n<meta property=\"og:site_name\" content=\"iAfrika - isiXhosa\" \/>\n<meta property=\"article:published_time\" content=\"2025-02-11T08:09:52+00:00\" \/>\n<meta property=\"article:modified_time\" content=\"2025-04-16T16:32:54+00:00\" \/>\n<meta name=\"author\" content=\"monwamgulwa\" \/>\n<meta name=\"twitter:card\" content=\"summary_large_image\" \/>\n<meta name=\"twitter:label1\" content=\"Written by\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data1\" content=\"monwamgulwa\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:label2\" content=\"Est. reading time\" \/>\n\t<meta name=\"twitter:data2\" content=\"2 minutes\" \/>\n<script type=\"application\/ld+json\" class=\"yoast-schema-graph\">{\"@context\":\"https:\\\/\\\/schema.org\",\"@graph\":[{\"@type\":\"Article\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\\\/#article\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\\\/\"},\"author\":{\"name\":\"monwamgulwa\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/1cab85862a401dd1ed010313da21fdfa\"},\"headline\":\"Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa\",\"datePublished\":\"2025-02-11T08:09:52+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T16:32:54+00:00\",\"mainEntityOfPage\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\\\/\"},\"wordCount\":489,\"commentCount\":0,\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"keywords\":[\"AmaBhaca\",\"AmaBomvana\",\"Empuma\",\"Entshona Kapa\",\"Hlubi\",\"Mpondo\",\"Mpondomise\",\"Mthembu\",\"Ngwe\",\"Xesibe\",\"Xhosa\"],\"articleSection\":[\"Imbali neziduko\"],\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"CommentAction\",\"name\":\"Comment\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\\\/#respond\"]}]},{\"@type\":\"WebPage\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\\\/\",\"name\":\"Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa - iAfrika - isiXhosa\",\"isPartOf\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\"},\"datePublished\":\"2025-02-11T08:09:52+00:00\",\"dateModified\":\"2025-04-16T16:32:54+00:00\",\"breadcrumb\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\\\/#breadcrumb\"},\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"potentialAction\":[{\"@type\":\"ReadAction\",\"target\":[\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\\\/\"]}]},{\"@type\":\"BreadcrumbList\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\\\/#breadcrumb\",\"itemListElement\":[{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":1,\"name\":\"Home\",\"item\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\"},{\"@type\":\"ListItem\",\"position\":2,\"name\":\"Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa\"}]},{\"@type\":\"WebSite\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#website\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"description\":\"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci\",\"publisher\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\"},\"potentialAction\":[{\"@type\":\"SearchAction\",\"target\":{\"@type\":\"EntryPoint\",\"urlTemplate\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/?s={search_term_string}\"},\"query-input\":{\"@type\":\"PropertyValueSpecification\",\"valueRequired\":true,\"valueName\":\"search_term_string\"}}],\"inLanguage\":\"en-ZA\"},{\"@type\":\"Organization\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#organization\",\"name\":\"iAfrika - isiXhosa\",\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/\",\"logo\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\",\"url\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/i0.wp.com\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/wp-content\\\/uploads\\\/sites\\\/2\\\/2021\\\/02\\\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1\",\"width\":800,\"height\":296,\"caption\":\"iAfrika - isiXhosa\"},\"image\":{\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/logo\\\/image\\\/\"}},{\"@type\":\"Person\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/#\\\/schema\\\/person\\\/1cab85862a401dd1ed010313da21fdfa\",\"name\":\"monwamgulwa\",\"image\":{\"@type\":\"ImageObject\",\"inLanguage\":\"en-ZA\",\"@id\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e1c1e276ff26b13427af2c7d38a42ad9289d62412af4d6aa4532037f092baf9f?s=96&d=mm&r=g\",\"url\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e1c1e276ff26b13427af2c7d38a42ad9289d62412af4d6aa4532037f092baf9f?s=96&d=mm&r=g\",\"contentUrl\":\"https:\\\/\\\/secure.gravatar.com\\\/avatar\\\/e1c1e276ff26b13427af2c7d38a42ad9289d62412af4d6aa4532037f092baf9f?s=96&d=mm&r=g\",\"caption\":\"monwamgulwa\"},\"url\":\"https:\\\/\\\/iafrika.org\\\/xh\\\/author\\\/monwamgulwa\\\/\"}]}<\/script>\n<!-- \/ Yoast SEO plugin. -->","yoast_head_json":{"title":"Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa - iAfrika - isiXhosa","robots":{"index":"index","follow":"follow","max-snippet":"max-snippet:-1","max-image-preview":"max-image-preview:large","max-video-preview":"max-video-preview:-1"},"canonical":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/","og_locale":"en_US","og_type":"article","og_title":"Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa - iAfrika - isiXhosa","og_description":"Ingabula zigcawu Mabandla omzi kaNtu, ndiyabhotisa kwaye ndibulela kwangokunjalo ukuba nithi cakatha kweli khasi eliphefumla ngani. Kaloku xa kuthethwa ngeziduko kumzi oNtsundu kuthethwa ngobuyena bakhe. Kungoko ke kaloku naphi na apho kudityanwa khona ngabantu, umbuzo wokuqala omnye komnye uthi, &#8220;Ungumni?&#8221; Yeka ke ukubobotheka kulowo ubuzwayo kuba kaloku kubuzwa ngobuyena bakhe. Uyakutyatyadula ke ezibika ukuba unguNatsi ... Funda okunye","og_url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/","og_site_name":"iAfrika - isiXhosa","article_published_time":"2025-02-11T08:09:52+00:00","article_modified_time":"2025-04-16T16:32:54+00:00","author":"monwamgulwa","twitter_card":"summary_large_image","twitter_misc":{"Written by":"monwamgulwa","Est. reading time":"2 minutes"},"schema":{"@context":"https:\/\/schema.org","@graph":[{"@type":"Article","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/#article","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/"},"author":{"name":"monwamgulwa","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/1cab85862a401dd1ed010313da21fdfa"},"headline":"Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa","datePublished":"2025-02-11T08:09:52+00:00","dateModified":"2025-04-16T16:32:54+00:00","mainEntityOfPage":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/"},"wordCount":489,"commentCount":0,"publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"keywords":["AmaBhaca","AmaBomvana","Empuma","Entshona Kapa","Hlubi","Mpondo","Mpondomise","Mthembu","Ngwe","Xesibe","Xhosa"],"articleSection":["Imbali neziduko"],"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"CommentAction","name":"Comment","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/#respond"]}]},{"@type":"WebPage","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/","name":"Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa - iAfrika - isiXhosa","isPartOf":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website"},"datePublished":"2025-02-11T08:09:52+00:00","dateModified":"2025-04-16T16:32:54+00:00","breadcrumb":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/#breadcrumb"},"inLanguage":"en-ZA","potentialAction":[{"@type":"ReadAction","target":["https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/"]}]},{"@type":"BreadcrumbList","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/iziduko-zezizwe-ezintsundu-ezakhe-epuma-nasentshona-kapa\/#breadcrumb","itemListElement":[{"@type":"ListItem","position":1,"name":"Home","item":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/"},{"@type":"ListItem","position":2,"name":"Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa"}]},{"@type":"WebSite","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#website","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","name":"iAfrika - isiXhosa","description":"Amaphupha neengcaciso, Iziduko, Amaqhalo neZaci","publisher":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization"},"potentialAction":[{"@type":"SearchAction","target":{"@type":"EntryPoint","urlTemplate":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/?s={search_term_string}"},"query-input":{"@type":"PropertyValueSpecification","valueRequired":true,"valueName":"search_term_string"}}],"inLanguage":"en-ZA"},{"@type":"Organization","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#organization","name":"iAfrika - isiXhosa","url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/","logo":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/","url":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","contentUrl":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2021\/02\/Fullform_Logo_Primary.png?fit=800%2C296&ssl=1","width":800,"height":296,"caption":"iAfrika - isiXhosa"},"image":{"@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/logo\/image\/"}},{"@type":"Person","@id":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/#\/schema\/person\/1cab85862a401dd1ed010313da21fdfa","name":"monwamgulwa","image":{"@type":"ImageObject","inLanguage":"en-ZA","@id":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e1c1e276ff26b13427af2c7d38a42ad9289d62412af4d6aa4532037f092baf9f?s=96&d=mm&r=g","url":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e1c1e276ff26b13427af2c7d38a42ad9289d62412af4d6aa4532037f092baf9f?s=96&d=mm&r=g","contentUrl":"https:\/\/secure.gravatar.com\/avatar\/e1c1e276ff26b13427af2c7d38a42ad9289d62412af4d6aa4532037f092baf9f?s=96&d=mm&r=g","caption":"monwamgulwa"},"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/author\/monwamgulwa\/"}]}},"jetpack_publicize_connections":[],"jetpack_sharing_enabled":true,"jetpack-related-posts":[{"id":4955,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/isiko-lembeleko-kwaxhosa\/","url_meta":{"origin":2119,"position":0},"title":"Isiko lembeleko kwaXhosa","author":"iAfrika","date":"27\/01\/2025","format":false,"excerpt":"Imbeleko lisiko lokuqala elenzelwa umntwana kwaXhosa. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. NgokwakwaXhosa imbeleko ibisakwenziwa emva kweveki umntwana ezelwe. Xa sisithi emva kweveki kubalwa ukuba imbeleko yenziwa kusuku lwesibhozo umntwana ezelwe. Lilonke imbeleko yenziwa emva kokuba umama womntwana ephuma efukwini.\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5353,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/amasiko-ama-hlubi\/","url_meta":{"origin":2119,"position":1},"title":"Amasiko ama Hlubi","author":"silucoki","date":"25\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko\u00a0awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into\u2026","rel":"","context":"In &quot;Amasiko&quot;","block_context":{"text":"Amasiko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/amasiko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5789,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-isigebenga-nezinambuzane\/","url_meta":{"origin":2119,"position":2},"title":"Intsomi yesiXhosa: Isigebenga neZinambuzane","author":"silucoki","date":"19\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Amantombazana elali ethile aphuma eyokuhlamba impahla emlanjeni. Zahlanjwa zabuya zonekwa ematyeni iimpahla ukuze zome. La mantombazana ayezidlalela emanzini nasentlabathini ngeli xesha ayelinde ukuba yome impahla. Kwala xa libantu bahle bacinga ngendlela eya ekhaya. Kaloku babelumkisiwe ngabazali ukuba bangahlali lide litshone ngoba kukho amazim kwela nxweme babeyokuhlamba\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":4929,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/imbali-yesizwe-saba-thembu-clan-names\/","url_meta":{"origin":2119,"position":3},"title":"Imbali yesizwe saba Thembu Clan Names","author":"iAfrika","date":"26\/10\/2024","format":false,"excerpt":"Imvelaphi yabaThembu Masiqale ngelithi abaThembu asisizwe esizimeleyo nesingabusi phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lwemveli. Oko kukuthi sinobukumkani baso. Imbali yemvelaphi yabaThembu ayahlukanga kuleyo yezinye izizwe eziNtsudu zalapha eMzantsi Afrika. Nayo le mbali igujululwa ekubeni abaThembu athi gqi eMntla-Mpuma wezwekazi i-Afrika. Nakubeni kunjalo kukho abanye ababalisi abade bachaze ncakasa namagama eendawo aphuma\u2026","rel":"","context":"In &quot;Imbali neziduko&quot;","block_context":{"text":"Imbali neziduko","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/imbali-iziduko\/"},"img":{"alt_text":"","src":"https:\/\/i0.wp.com\/iafrika.org\/xh\/wp-content\/uploads\/sites\/2\/2024\/09\/word-image-4929-1.png?resize=350%2C200","width":350,"height":200},"classes":[]},{"id":5808,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-unomahamle\/","url_meta":{"origin":2119,"position":4},"title":"Intsomi yesiXhosa: UNomahamle","author":"silucoki","date":"28\/02\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho utata nomama benabantwana ababini abangamantombazana. Aba bantwana abazange bakhe baye kulo nina kuba kwakukude kakhulu. Bathe besakukhula baman\u2019 ukucela kunina ukuba bakhe bandwendwele kowabo. Kodwa njalo xa becela wayengavumi uyise. Kuthe ngelingeni xa unina emane ukubacelela, wade wavuma uyise. Mhla benduluka unina wabachazela indlela abazakuyithatha\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]},{"id":5821,"url":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/intsomi-yesixhosa-ufudo-nabantwana\/","url_meta":{"origin":2119,"position":5},"title":"Intsomi yesiXhosa: UFudo nabantwana","author":"silucoki","date":"03\/03\/2025","format":false,"excerpt":"Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho imbalela elizweni. Kwatsha imilambo namadama. Kwakusele idama elinye elalisenamanzi, nalo selisitsha. Kwelo dama kwakudla ngokuqubha kulo amadada amabini kunye nofudo. Kuthe kuba kubonakala ukuba amanzi ayaphela kweli dama, amadada agqiba kwelokuba azakuhamba aye apho kungekho mbalela khona. Aluxelela ufudo, lwaza lwakhathazeka ukuva ezi ndaba lathi,\u2026","rel":"","context":"In &quot;Iintsomi zesiXhosa&quot;","block_context":{"text":"Iintsomi zesiXhosa","link":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/category\/iintsomi-zesixhosa\/"},"img":{"alt_text":"","src":"","width":0,"height":0},"classes":[]}],"jetpack_shortlink":"https:\/\/wp.me\/pcur1I-yb","jetpack_featured_media_url":"","_links":{"self":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/2119","targetHints":{"allow":["GET"]}}],"collection":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts"}],"about":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/types\/post"}],"author":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/users\/250"}],"replies":[{"embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/comments?post=2119"}],"version-history":[{"count":56,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/2119\/revisions"}],"predecessor-version":[{"id":5892,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/posts\/2119\/revisions\/5892"}],"wp:attachment":[{"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/media?parent=2119"}],"wp:term":[{"taxonomy":"category","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/categories?post=2119"},{"taxonomy":"post_tag","embeddable":true,"href":"https:\/\/iafrika.org\/xh\/wp-json\/wp\/v2\/tags?post=2119"}],"curies":[{"name":"wp","href":"https:\/\/api.w.org\/{rel}","templated":true}]}}